ULusindiso Poyo walibona ilanga ngomhla we 12 September 1965, ezalwa ngongasekhoyo umama uSongeleni Poyo. Uzalelwe kwilali yaseTombo kwisithili sase Port St Johns. Ungumntwana wesibini kubantwana abathandathu. Ukhule njengamakhwenkwe onke ekhaya encedisa kwimisebenzi yekhaya.
Amabanga akhe aphantsi uwenze eTombo JSS apho aphumelele ibanga lesixhenxe. Udlulele eMthweni SSS ngenjongo yokwenza amabanga aphezulu nalapho aphumelele ibanga leshumi emagqabini ngomnyaka we 1985. Kuthe ngenxa yemeko eyayingaphezulu kwamandla akhe akaqhubeleka nezifundo zakhe waza waqeshwa liSebe lezamanzi (Department of Water Affairs). Kuthe ngokuhamba kwexesha exelenga kweliSebe wathabatha isigqibo sokuqhubeleka nezifundo zakhe waza wazibandakanya neziko-mfundo Umlazi Technical College ngenjongo yokwenza izifundo zakhe kwiChemical Engineering nathe wayiphumelela ngomnyaka we 1989. Kuthe kuba ubengahambanga kakubi kwiSebe Lezamanzi wabuyela kwasemsebenzini wakhe njengeNjineli (Plant Operator).
Ngomnyaka we 1990 uphandlwe yintombi yakwaNqezo uMambathane kwilali yaseTshandatshe eLusikisiki. Kuthe ngenxa yenceba kaThixo kubantwana bakhe balizwa ngabantwana abathathu uLwavela, uZesipho noSibabalwe. Ngomnyaka we 1999 uphinde wazimanya ngeqhina lomtshato nentombi yaseMamvulaneni eMaclear uNoxolo Eugenia Ndzongo. UThixo uphinde wamsikelela ngabantwana abathathu uOnesimo, uInganathi noEnathi.
Ngomnyaka wa 2002 uthathe isigqibo sokuyeka kwiSebe Lezamanzi waza waqeshwa nguMasipala wase Port St Johns kwicandelo lokucoca amanzi (Technician . Uwabonakalisile amva akhe awafumene kwiSebe Lezamanzi nolwazi aluzuze kwizifundo zakhe nento eyenze isithili sasePort St Johns sachulumanca yinkozo yakhe. Ngomnyaka wa 2005 wakhomba umnwe kaThixo wonyukela kuMasipala ombaxa wase OR Tambo njengeManejala wezamanzi nogutyulo lwelindle (Water and Sanitation). Ngomnyaka wa 2013 uqhubekile nezifundo zakhe bucala neziko-mfundo iWits Business School ngenjongo yokwenza izifundo zeBusiness Finance neProject Management nalapho aphumelele isidanga ngomnyaka wa 2015.
Kuthe kuba nezibhalo ziyingqina into yokokuba silundwendwe emhlabeni njengoobawo bethu bonke kunjalonje kungekho nethemba lokuhlala, levakala ilizwi elinamandla eliviwa bubumnyama bubaleke lisithi “Lusindiso khawuleza ufike apha, mna Yehova uThixo wakho ndiyenze yanempumelelo indlela yakho ngoko ke yithi wambu ingubo yakho undilandele”, walusabela kwaoko ubizo, lakrazuka ikhuselo, wangena kwengunaphakade inyhweba. Ushiya ngasemva inkosikazi yakhe, abantwana bakhe abathandathu nabantakwabo abahlanu.
Hamba ngoxolo Tita, hamba nguxolo Ngcwangule, goduka uxolile Khanandana umzamo omhle uwuzamile nogqatso walubaleka ngempumelelo silusapho siyakukhulula ngeentliziyo zethu ezivumayo sisithi yanga iNkosi yoxolo ingakwamkelela kwesosakhiwo singakhiwanga ngazandla side sibuye sihlangane kulongqungquthela yangasentla.
Amen.








